Ibingumhla wovuyo nochulumanco kuba lesekethe yethu isaqingqa kaloku kwicala lomanyano nobunye.
Sawukhumbula kaloku okukuba uVuyani Hako ngumshumayeli wokuqala kwi LPA apha kuthi eseketheni. Kulenkonzo sibenenyhweba yokunxiba nendodada engu Msimango Faku yangapha emaMpondweni kunye nophehlelelo lwabantwana abathathu.
Luyakhuka luyanyelela olusana lwase Boston, masenje njalo mawethu ukuza enkonzweni. Imvumo ebilapho isenziwa ngamadodana, isidima ebesenziwe ngabashumayeli besithili asinakusilibala namazwi abawenzileyo bekhokelwa ngunondyebo umnumzana Bram Mhlomi asankenteza ezindlebeni zethu ngabanye ngabanye nangoku.
Sixhom' izandla sisenza umbulelo kubefundisi bekhokelwa yintsumpa into ka Buttner, namazwi awiswe ngumfundisi uNewton njengosihlalo kanyangantathu wabashumayeli , yona inkonzo yabe ikhokelwe ngu Mantini, ilizwi salityiswa ngu mfundisi umNomqolo. Kubalulekile ukuba sincome xa into intle ukuze sikwazi ukuhla amahlomgwane ngexesha elifanelekileyo, ibentle into esiyibone ngecawa yanga kungahlala kunjalo mawethu.
Nangamso mawethu, ukwanda kwaliwa ngumthakathi!!!!
1 comment:
One Heart. one way Mawesele....
Post a Comment